Nanjengoko ifikelela esiphelweni inyanga yabantu abaphila nokhubazeko, abantu abaphila nokhubazeko bajongene nemingeni eliqela enjengongakwazi ukuzifumana ngokugqibeleleyo iinkonzo zikarhulumente, iindawo zokuzithuma nokuzicoca ezingamelaniyo nemeko kwakunye nokunqongophala kwezindlu. Uluntu oluphila nokhubazeko eMpuma Koloni, lutyhole urhulumente ngokusilela ukukhawulelana nezidingo zabo. Bakholelwa ekubeni ukusilela kwabasemagunyeni ukuqubisana neengxaki zabo, kunyhasha ilungelo labo lesidima. Ingxelo iza no Fundiswa Mhlekude...