Bangaphaya kwamakhulu amabini abantu abafudusiweyo emakhayeni abo kuMasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, ngenxa yezantyala-ntyala ezibangelwe yimvula ene phezolo nesagalelayo kungoku nje. Abantu bafuduswe ngale ntsasa kwaye bagcinwe kwii holo zoluntu. Le dolophu ibisando kujongana nezikhukhula ngoJune kulo nyaka, ukuva banzi sinayo emnxebeni intatheli yethu uSinethemba Witi...