: Iinkcukacha manani zolwaphulo mthetho zibonisa ukuba phakathi kwenyanga yeKhala (July) nenyanga yoMsintsi, bangaphezulu kwesithathu abantwana ababulawayo ngelithuba elishumi amanina athi abulawe eMzantsi Afrika ngosuku. Ingxelo egxile kuphando lokuqala olugxile kukuxhatshazwa ngokwesini, lubonisa ukuba amanina aneminyaka elishumi elinesibhozo nangaphezulu, bakhe bahlaselwa. I-arhente ejongene namalungelo abantwana iUNICEF, iinenkqubo ezijongene nabazali ukuzama ukwehlisa elinani. Yolanda Kambile uncokole nophuma kwiUNICEF eMzantsi Afrika, uLungile Mdluli .