TRUNEWS @6 - IEC vote counting process update

 

Isaqhuba inkqubo yokubala iivoti, kwaye neziphumo zimana ukungena ngokungena. Sithetha nje ngumyinge we85% (to be updated) weevoti esele zibaliwe, zachazwa kuzwelonke, ze ibe ngu93% eMpuma Koloni. Kusenjalo, eminye imibutho equka iUDM eMpuma Koloni, ifake isikhalazo kwikomishoni yonyulo ezimeleyo, i-IEC, malunga nokubalwa ityeli lesibini kweevoti kumasipala ombaxa iBuffalo City, ze yacela ukuba kubalwe kwakhona iivoti kumasipala iKing Sabatha Dalindyebo, ngelithi amanani abalwe ngamalungu ajongene nonyulo kumbutho wabo awahambiselani nalawo we-IEC. Sithe makhe sikrwece i-IEC ukuva ngezamva nje, njengokuba kusaqhutywa nenkqubo yokubala iivoti. Masamkele emnxebeni ongusekela manejala we-IEC apha ephondweni, uMasindi Mosehana...

In 1 playlist(s)

SABC Iindaba - isiXhosa

SABC News in isiXhosa, bringing you the latest news, current affairs, elections and stories from Sou… 

Social links