Nanjengoko elikhulu elinamashumi amathathu amabhunga oomasipala apho kungekho maqela afumene isininzi sokulawula emva konyulo loorhulumente basemakhaya, umongameli uCyril Ramaphosa ubongoze amaqela ezopolitiko ukuba aye kwiingxoxo zokusekwa koorhulumente bendibanisela ekhokhelwa zinjongo zokusebenzela uluntu. URamaphosa uvakalise ukuba amaqela ezopolitiko kumele abekele bucala iimbono zawo ezahlukileyo asebenzisane nabahlali. Ukanti ngaphambili, abanye boomasipala beli babone ukungabikho kozinzo ngenxa yokubethana kwezimvo zamaqela ezopolitiko akurhulumente wendibanisela, ukulwa ngezikhundla, nento ebangele ukuba abahlali bangafumani iinkonzo ngendlela efanelekileyo.



