Umxholo: Faka isicelo ngoku!! Ngomnyaka ka 2012 Isebe LezeMfundo eliphakamileyo noqeqesho lasungula inkqubo ejonge ukukhuthaza abafundi ingakumbi abo bakumabanga aphezulu ukuba bazifake ngethuba izicelo zokufunda khon'ukuze bangazifumani kwimityangampo yemigca yabo bakhangela izithuba zemfundo ebakho qho xa kuqala unyaka wezifundo. Kwakuyo le nkqubo undwendwe lwethu oluphuma kwiSebe leMfundo ePhakamileyo NoQeqesho luye lwabelana ngolwazi malunga namakhondo abafundi abanokuwaKhetha!