INTRO: Kukho ukubethana kwezimvo kwabezoshishino nabaxhamli bezibonelelo zentlalo-ntle, ngentetho engolwabiwo mali kaMphathiswa uEnoch Godongwana eKapa, ngale mvakwemini. Nangona abecandelo lezoshishino beyamkela intetho kaMphathiswa, kodwa abo bafumana izibonelelo zikaRhulumente bathi ngekwenziwe nangaphezulu ukuncedisana nabo bangaphangeliyo kweli. URhulumente udize ukuba imali ayichithileyo, ifikelela kwi-2.3 yetrillion zeeRandi kunyaka-mali ka 2024-25. URhulumente ukwadize ukuba okukuqala susela unyaka ka2008, ingeniso ibe ngaphezulu kunemali echithiweyo kolu lwabiwo mali. Nangona kunjalo, khange kubekho mtyhi ungakanani kwabo baluvayo ulwamvila lokuhlawula irhafu, nanjengoko umphathiswa uGodongwana ebhengeze ukonyuswa kwerhafu kwizinto ezifana necuba neziselo ezinxilisayo, njengenxalenye yokuqokolela imali ebalelwa kwishumi elinesihlanu lebhiliyoni zeeRandi, kwiinzame zokucutha uxinizelelo kwingxowa kaRhulumente. Ukuqwalasela banzi okuvele kwintetho kaMphathiswa uGodongwana, sincokola neengcali zethu kwimiba engoqoqosho, uGqirha Asanda Fotoyi ophuma kwiYunivesithi iNelson Mandela, kwakunye noGqirha uAyanda Meyiwa ophuma kwiYunivesithi iDurban University of Technology...