Imanyano yamapolisa i-Independent Policing Union of South Africa (i-IPUSA) ngamafuphi, ithi unobangela wokuba kubenzima emapoliseni ukuqubisana nomba wokuxhatshazwa, ukudlwengulwa nokubulawa kwamanina eMzantsi Afrika kukuba isipolisa selilizwe asinayo imithombo efanelekileyo nenani elidingekayo lamapolisa. Lemanyano yabasebenzi ithi ukusilela okuye kubonakale emapoliseni kubangelwa ngabalawuli benkonzo yesipolisa, nanjengoko kungasekho zinkqubo zokuxhobisa amapolisa ngokwezakhono nolwazi. I-IPUSA ithi ukuze amapolisa akwazi ukusebenzela uluntu ngokugqibeleleyo kungabikho matyala angahoywanga ngenxa yokushokoxeka kweziseko ezifana nezithuthi, kufuneka kulandelwa umgaqo owenzelwe ukuxhobisa ngeziseko isipolisa, iResource Allocation Guide. Lombutho uthi uSAPS kulwabiwo-mali lwakhe kufuneka agcine zisebenza izithuthi zakhe, azisuse ezo zingasebenziyo ongoze ngezisebenzayo ngonyakamali omnye. Ngaphandle kokushokoxeka kwezithuthi nenani lamapolisa, omnye umba omkhulu kukushokoxeka kwezixhobo ezisetyenziswayo kumaxhoba odlwengulo i-Rape Kits, neyinto ebangela ukuba kuthathe ixesha elide ukuqokelela i-DNA, nento enokuthetha ukucotha kobulungisa.

LAPHUMA- CONTRALESA KILLINGS INQUIRY
29:12

LAPHUMA- PUBLIC PROTECTOR MAINTANANCE
34:22

LAPHUMA - WOMEN LAND (discussion)
31:07