Ngokuka Chapter 4 Section 47 woMgaqo Siseko woMzantsi Afrika, mibini imiqathango eyeyona ibalulekileyo evumela ukuba ubani abe lilungu lePalamente; kukuba akazange afunyaniswe enetyala yinkundla agwetywe iinyanga ezingaphezulu kweshumi elinesibini, nokuba angachazwa njengomntu onengqiqo engazinzanga (unsound mind). Kodwa ingaba umthetho weli uyagxininisa ngokupheleleyo nangokucacileyo ukubaluleka kokubekwa kwamalungu anengxelo yokuziphatha ngendlela eyiyo (ethical), nanentembeko (integrity) kusini na? Lo mbuzo uphakanyiswe ngabakhi mkhanya abohlukileyo, kuquka nemibutho kwicandelo lezomthetho, emva kwesankxwe esibangelwe kukuchongwa kukaGqirha John Hlophe njengelungu leKomishoni yeenkonzo zobulungisa. Imibutho eqwalasela imiba yezobulungisa, iJudges Matter kwakunye neFreedom Under Law, ikugxekile ukuchongwa komntu owafunyaniswa enetyala lokuziphatha gwenxa ze wagxothwa njengeJaji, kwikomiti enoxanduva lokuthatha isigqibo ngokulungela ukonyulwa kwamanye amagosa ezomthetho.