INTRO: Abo baasindayo kwisiganeko sokudilika kwesakhiwo sase George eNtshona Koloni, bathi impilo yabo yaba maxongo ngakumbi emva kwesiganeko esehla ngomhla wesithandathu kuCanzibe kulo nyaka. Amashumi amathathu anesine kwabo bangamashumi amathandathu anesibini ababesebenza kwesisakhiwo ngelixa sidilika, basweleka.