Umbutho ojongene namalungelo eemvumi eMzantsi Afrika- iSouthern African Music Rights Organisation - iSAMRO ngamafuphi- uwamkele amanyathelo athatyathwe ngurhulumente, okuzama ukuthintela ukunwena kwentsholongwane iCorona. Nangona kunjalo, uvakalise inkxalabo ngemiqathango emayela nokuhlangana kwabantu abaninzi ndawonye. Umongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ukuba akuvumelekanga ukuhlangana ndawonye kwabantu abalikhulu ukwenyuka, ngelithuba kuzanywa ukuthintela ukunwena kwentsholongwane iCovid -19. Oku kunganefuthe elibi kwiimvumi zeli. Ukanti ukuncokola ngalo mba sibambe usihlalo we Samro, uNicholas Maweni...