08 11 2021 07h00
Bazakufumana isitofu sokomeleza amajoni omzimba abasebenzi bempilo ebebeyinxalenye yokulingwa kwamachiza okugonyel' iCOVID19.
22.06.2021 13h00
Igxothiwe emsebenzini inqununu yesikolo esiseMpuma Koloni eyanyanzela umfundi ukuba angene kumngxuma wendlu yangasese ukuze akhuphe umnxeba wayo ophathwayo (CELLPHONE) nowatshona kwilindle.
22.06.2021 09h00
Zohlukile iimbono zeengcali mayela nokuba kufanel' ukuba kumiselwe imiqathango engqingqwa kusini na kwiphondo iGauteng ukunqanda ukunwenwa kwentsholongwane icorona.
22.06.2021 07h00
Sixhalabile isixeko saseTshwane ngenxa yokuntingela phezulu kwamanani abantu abosulelwa yintsholongwane icorona.
21.06.2021 07h00
Bazakuvela enkundleni namhlanje abarhanelwa abane ngokunxulumene nokufunyanwa kwabo beneziyobisi ezixabisa i400 million yeerandi.
11.06.2021 13h00
Umphathiswa wamashishini karhulumente uPravin Gordhan uthi kutyikitywe isivumelwano phakathi kukarhulumente nehlakani elitsha lika SAA iTakatso. UGordhan uthi kuzakutyikitywa isivumelwano sentengo ngaphambi kokuba kusekwe ngokusesikweni uSAA omtsha. ITakatso izakulawula u51 percent wezabelo kweli q…
11.06.2021 10h00
Iqumrhu loosomashishini iTakatso Consortiun ibhengezwe njengehlakani lenkampani yezophapho kweli iSAA. Olu qhogwano lukarhulumente nenkampani yabucala lubeka amashumi amahlanu nanye ekhulwini (51 pesent) yezabelo kule nkampani ezandleni zale ndibanisela yoosomashishini babucala.
11.06.2021 09h00
Umphathiswa wezobulungisa neenkonzo zoluleko uRonald Lamola uthi i-United Arab Emirates ayisebenzisani noMzantsi Afrika, njengoko kwakuvunyelwene ngala mazwe mabini. U-Lamola ebethetha neentatheli ngale ntsasa, emva kokuba igunyabantu lezotshutshiso kuzwelonke licele uncedo kwi Interpol ukuze usaph…
11.06.2021 07h00
Iziko lezifo ezosulelayo i-NICD ngamafutshane lithi sithetha nje ngabantu abayi seven-thousand-300 abanyangelwa icovid19 kwizibhedlele zeli lizwe, kwaye kuthwa izolo bayi 844 abantu abangeniswe kumaziko empilo. Abantu abasondele ku 5-thousand kwabo bafumana unyango abakwii ward zabagula kakhulu, ba…
26.05.2021 13h00
Ujaji Piet Koen ucele amagqwetha obesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma ukuba athobele imiqathango yenkundla phambi kokuphula-phulwa ngokusemthethweni kwesicelo esikhethekileyo ngomhla we-19 kuJuly.