2024 Elections2024 Elections

APHA - DISCUSSION ON GNU

View descriptionShare

Umongameli weli uCyril Ramaphosa, ubhengeze ukuba umbutho we- ANC umema amaqela ezopolitiko aphikisayo ukuba asondele ukuze kubanjwe iingxoxo zokkuseka urhulumente wobumbano, iGovernment National Unity ngelasemzini. Oku kulandela nanjengoko lombutho ungakhange ukwazi ukufumana iivoti ezingaphaya komyinge wamashumi amahlanu ekhulwini kunyulo lukazwelonke nolwamaphondo, obelubanjwe ngomhla wamashumi amabini anethoba kwinyanga ephelileyo. Ukuthethe oku ngorhatya lwayizolo ngexesha ethetha namajelo eendaba emva kwentlanganiso yeqoqo lolawulo lalo mbutho nalapho bekubanjwe iingxoxo ezingokusungulwa korhulumente omtsha ozakulawula. URamaphosa uthe ukuseka urhulumente wobumbano yeyona ndlela ezakusebenza, kwaye ezakuba namandla okuhlangabezana nokulindellweyo ngabo bonke abemi boMzantsi Afrika. Ukwathe iqoqo lolawulo lwe ANC livumelene ukuba eli lixesha elidinga umanyano kubemi boMzantsi Afrika.

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

2024 Elections

Welcome to the 2024 Election Channel, your go-to podcast for insightful analysis, in-depth discussio 
Social links
Recent clips
Browse 93 clip(s)