Imanyano yabasebenzi kwinkonzo yesipolisa eMpuma Koloni, iPOPCRU, ixhalabile ngomgangatho nokhuseleko lwezikhululo zamapolisa ephondweni. Kutsha nje, le manyano ivale isikhululo samapolisa saseMakhanda, ibanga ngokuba imo yaso ibeka phantsi komngcipheko amalungu ayo; kwaye imeko esikuso asilungelanga ukuba kungasetyenzelwa kuso. UAyabonga Kekana uncokola nonobhala we-POPCRU apha ephondweni, uXolani Prusente…