Ikomishoni yamalungelo oluntu eMpuma Koloni izolo ibikhwebe isebe lophuhliso lwasemaphandleni kunye ne-ofisi kaNondyebo, ukuba bavele phambi kwabo ngelokumamela inkqubela yezicwangciso zabo bengurhulumente, ukuba baqubisane nomngeni wokungondleki kwabantwana ephondweni. Ikomishoni inenkolelo yokuba nangona nje yayikhuphe ingxelo ebonisa ubuzaza balo mngeni ngo-2023, neyayineziphakamiso okanye izindululo ezinokumiliselwa ngurhulumente, kusekho ukurhuqwa kweenyawo okubonakalayo ukuba kuqutyiswane noku. Iingxelo zibonisa ukuba bangapha kwamashumi amathandathu abantwana abaye basweleka ephondweni kwiinyanga ezintandathu zokuqala zalo nyaka, ngenxa yezifo ezayanyaniswa nokungondleki. Ayabonga Kekana uncokola nophuma kwikomishoni eMpuma Koloni, uZukiswa Mqakanya…