Uvela enkundleni namhlanje utitshala ominyaka ingamashumi amahlanu anesibini ubudala, notyholwa ngokushishina ngamanina aselula eMonti eMpuma Koloni. Ngokwengxelo ye-Hawks ephondweni eli nina libanjwe izolo emva kophando lwabo bebeluqhuba, nalapho kutyholwa ukuba umrhanelwa lo ebeqokelela amantombazanana kwimimandla efana nakuQumbu, eMthatha naseNgqeleni ze zisiwe eMonti nalapho bezinyanzeliswa ukuba babelane ngesondo nabantu abohlukileyo ze bahlawulwe. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela iiHawks, uNdiphiwe Mhlakuvana....