APHA - POST BUDGETUmphathiswa wesebe lemicimbi yemali, uEnoch Godongwana, uziphendulele kwizityholo zokuba, ukubhengezwa komtyhi wexeshana, kumaxabiso amafutha ezithuthi, licebo lezopolitiko lokuzuza iivoti, kunyulo loomasipala lwenyanga ezayo. Amanye amaqela aphikisayo, ayigxekile intetho yolwabiwo mali yombindi wonyaka, ebanga ngelithi, ukwehliswa kwerhafu yediesel, ngeerandi ezintathu (three-Rand) ilitha, nokwehliswa kwelitha yepetrol nge one-Rand-50, ekulindeleke kuqalise ngomhla wesine kweyeNkanga, kwenziwe ngabom, ukuze kungqamane nomhla wonyulo. Ethetha kwindibano yesidlo sakusasa, emva kwentetho yolwabiwo mali yombindi wonyaka, eKapa, uGodongwana unike ingcaciso yokuba, ukuthotywa kwamaxabiso amafutha ezithuthi, kusoloko kusenziwa rhoqo kuLwesithathu wokuqala enyangeni, kwaye kuzenzekele ukuba olu suku, lungqamane nelokubanjwa konyulo.