BEE-INGCEBISO NGEMISEBENZI-12 AUGUST 2026UMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, "Ingaba kuyenzeka na ukuba usebenze unyaka wonke, wenze umsebenzi wakho, kodwa xa kufika ixesha lokufumana i-bonus, umphathi wakho athi awuyifumani ngenxa yokuba ukhe wangabikho emsebenzini? Ngoku ke, xa kufika ixesha lokunyuselwa umvuzo, kusathethwa kwakhona ngala ma-absent. Ingaba ukuba xa ukhe wangabikho emsebenzini kuthetha ukuba awusenakunyuselwa umvuzo, nokuba usebenze nzima unyaka wonke?"